Pitbull Pit bulls
Photo by Mao Li: Pexels

Umphathiswa wesebe lezolimo, uhlengahlengiso lomhlaba kunye nophuhliso lwamaphandle, u Thoko Didiza wamkele uxwebhu oluphuma kwiziko i Sizwe Kupelo Foundation nolumemelela ukuba zibhangiswe izinja zohlobo lwee pitbulls. Oku kuthi gqi emva kokuba ngo October wonyaka wama-2022 eli ziko laphehlelela isibongozo sokuba kubhangiswe olu hlobo lwezinja. Esi sibongozo saxhaswa ngabaninzi nabathi batyikitya kumakhasi onxibelelwano, emva kokuba kubonakala ukuba kuza kuphela abantu bebulawa zii pitbulls.

 

WAMKELE ISIBONGOZO SOKUBHANGISWA KOONONGQOVU U DIDIZA
UGqirha Sizwe Kupelo. – Photo/Supplied

Ukanti ngomhla weshumi elinanye kule kaTshazimpuzi umphathiswa u Didiza ubambe indibano nogqirha Sizwe Kupelo malunga namanyathelo athatyathwe leli sebe emva kokuthi ndi ukuba ezi zinja zingqofoza abantu, kusenzeka oko emva kwesiganeko sakutsha nje sokutyiwa kwenkwenkwana yakwa Mthi , e Dikeni ethe yaswelekela esibhedlela. Isixoxi sesebe lezolimo, uhlenga-hlengiso lomhlaba kunye nophuhliso lwamaphandle,  u Reggie Ngcobo uthi le ndibano ibeneziphumo ezincumisayo.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Siye sahlala neziko i Sizwe Kupelo Foundation kuba sifuna ukubeka etafileni oko sikwenzileyo njengesebe. Iinzame zethu kukuba senze uphando malunga nolu hlobo lwezinja kuba ngokwazi  kwethu ayikho inja eluhlobo lwe-pitbull ebhaliswe  e Mzantsi- Afrika.”Kutsho u Ngcobo.[/perfectpullquote]

Ukwathe baza kuthabatha amanyathelo  ukunqanda ezi ziganeko zingxamele ukuphulukanisa abantwana nabazali babo ngaphambi kwexesha.

Ukanti umsunguli we Sizwe Kupelo Foundation uGqirha Sizwe Kupelo uthe banethemba eliqinileyo lokuba umphathiswa uza kunika impendulo eza kuxolisa ilizwe  lonke.

WAMKELE ISIBONGOZO SOKUBHANGISWA KOONONGQOVU U DIDIZA
Iziko Sizwe Kupelo Foundation

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Asilindelanga kufumana impendulo eza kuza nesisombulo sexeshana kuba sifuna ukuba xa kuthatyathwa isigqibo sibe sesoo siza kuza nesona sisombululo” Kutsho u Gqirha Kupelo.[/perfectpullquote]

Kodwa nangona kunjalo uthi eyona nto bayingxameleyo kukuba kude kunqandwe oku konzakala kwabantu ngenxa yezinja.I Sizwe Kupelo Foundation yayicacisa kwasekuqaleni into yokuba izinja mazingabulawa kodwa olu hlobo maluthatyathwe luyokugcinwa kwindawo ekhuselekileyo. Ukanti abantu abaxhase oku nabatyikitye esi sibongozo bangama 139 000.Icekwa ke ngoku lilele kurhulumente emva kokuphothula uphando, ukuba sithini isisombululo sale ngxaki.

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here