This Content Is Only For Subscribers
Kusweleke babathathu kwaze kwasinda omnye ebantwaneni kwalowo wasr tyini ityise abantwana bakhe abane i pilisi ze Tanki nge ntsasa yango lwesibini.
Ukant abantwana abaswelekele ehlathini yintombi eneminyaka eyi-14, Intombi eminyaka iyi-8, Intombi eminyika eyi-2 ubudala yaze intombi eneminyaka eyi-11 yakwazi ukuqhawulisa.
Lo wase tyini one minyaka eyi 35 uvuke nge ntseni yanamhlanje wathi ku bantwana bakhe mabaye kuyo Thandaza ehlatini kanti wenza igqinga lokuya kubabulala bonke nge pillisi ye Tanki.
Ufumaneke enetyala lokubulala neloku zama uku bulala unina wamantombazana amane akwi lali yase Jabavu pantsi kwedolophu yase Sajonisi.
Uzame ukumbulala ngezakhe izandla lo wesine umntwana emva koba eqaphele ukuba akade afe kanti umntwana khange ayiginye ipilisi kwabe kukusinda kwakhe.
Kukhe kwangumnqa ukuba kubekho osindileyo kuba kaloku i pilisi ye tanki iyaziwa ukuba akusindi mntu kuyo. Uzame uku gijima abize abamelwane exela jnto eqhubekayo ekhayeni lakhe kanti uzophelelwa ngamandla waze wabalekiswa esibedlela usavalelwe e gumbini labonzakele kakhulu (ICU).
Yonke lento yenzeke ngakwi hlathi eli pantsi kwe ward 17 elibizwa ngoba yi Namba kuyo i dolophu yase Sajonisi. Omakhelwane bashiye besothukile yilento eyenziwe ngu mzali waba bantwana.
Isebe lophuhliso loluntu lilamkele ngomothuko iindaba ezibuhlungu zomama wase-port st johns otyholwa ngokubulala abantwana bakhe abathathu ngokuzingca. Siyaqonda ukuba isiganeko asishiyanga nje usapho oluthukile nokanye lunxunguphele, kodwa lonke uluntu lwasekuhlaleni lwaseJabuvu.
Usodolophu uNomvuzo Mlombile-Cingo ufikile apho kwenzeke khona lomba wothuka kuba akuko kokuqala isenzeka into efana nale eSajonisi uthe “imbi kakhulu lento yesisehlo kwaye idinga imithandazo esuka kwi lizwe lonke”.
Umphathiswa wesebe lezentlalontle, uBukiwe Fanta, uthi zimphethe kakubi ezi ndaba zibuhlungu, nanjengoko esi sihelegu sityholwa sisenzeka kumqolo womnye umama ekutyholwa ngokuba uthabathe ubomi babantwana bakhe kwilali yaseTholeni, ngaphandle kwedolophu yaseGcuwa. “Ukufa kwi-trsgic yayo.” Kodwa isityholo sokuzibulala okubandakanya umama kunye nabantwana akukona nje ukutshabalalisa usapho olusondeleyo, kodwa uluntu lonke. Ke ngoko, kufuneka sonke senze ngakumbi ukomeleza, nokuba siyatyholwa okanye akunjalo, ukungenelela kwethu kokuzibulala.
Intlungu isele kulo oshiyekileyo inoba uzophila njani eyazi ukuba unina wabulala o dadebakhe waphinda wazama noku bulala naye, yena u mzali inoba uziva njani ngayo yonke lento ayenzile kwisizalo sakhe.
Isebe lithumele amaqela oonontlalontle abachwepheshileyo ukuba baye kubona usapho kunye noluntu ukuze kunikwe ingxelo ngomothuko. Lwakuba lwenziwe ngovavanyo lwalo, iqela liya kucebisa ngalo naluphi na uncedo olongezelelweyo lwenkxaso ye-physco-social olufunekayo.
Umpathiswa ubuye wathi “Kwakhona, kwiinzame zethu ezidibeneyo zokuthintela izityholo zokuzibulala, siye saqonda ukuba imidiya njengesixhobo esibalulekileyo sokunciphisa. Oku, ngokunika ingxelo egxininisa kwizityholo zokuzibulala, nokukhuthaza abantu ukuba bafune uncedo olubalulekileyo”.
Kanti isajonisi yaziwa njenge dolophu ene lali ezi nabantu abatsha abazibulala kakhulu ngeli yeza le tanki eminyakeni edlulile abanye baye bashiywe zi ngqondo emva koba bezityise le pilisi ibubungozi.
Amalungu oluntu kunye nabasemagunyeni bazamana nobunzima beziganeko ezinjalo, begxininisa ukubaluleka kweenzameh ezihlangeneyo zokulungisa imiba engunobangela wezi zehlo ezinxunguphalisayo.
Inkxaso ngokubanzi yenkxaso ye-physco-social kunye nenkonzo yeengcebiso ngokufelwa zibonelelwa lisebe kumntu ngamnye kunye neentsapho. Ezi nkonzo zilungiselelwe ukuhlangabezana neemfuno ezithile zomxhasi.
Sikhuthaza ngokulinganayo nabani na ofuna uncedo kwi-trauma counceling ukuba ancede aqhagamshelane nesebe lophuhliso loluntu ngomnxeba wasimahla wokuhlatywa kwentlungu 0800 4289428 okanye axumane no motlalontle ose mthethweni.