UTYUNJELWE ELITSHA OBENGOWORHULUMENTO NGENTSEBENZISWANO

Date:

Obengumphathiswa worhulumento ngentsebenziswano kunye nemicimbi yemveli, Ugqirha Nkosazana Dlamini-Zuma utyunjelwe isebe elitsha ngethuba abaninzi bebelindele ukuba uza kuphunyuzwa. U gqirha Dlamini-Zuma wonyulwe njengomphathiswa oza kujongana nolutsha, amanina kunye nabo baphila nenkubazeko kwo ofisi ka mongameli. Eli sebe ngaphambili belikhokelwa ngu Maite Nkoane Mashabane.

Ukonyulwa kuka Dlamini-Zuma okuvakaliswe ngethuba umongameli Cyril Ramaphosa esothula intetho yakhe, ebhengeza uluhlu lwekhabhinethi yakhe, kubashiye nokungaxoli abaninzi besithi emdala nje uza kujongana njani nemicimbi edla abantu abatsha, bambi besithi kudlalwa nje ngabantu abatsha kuba umntu omdala njengogqirha Dlamini-Zuma uza kukhokela njani.

Ugqirha Dlamini-Zuma ungene epalamente njengomphathiswa wesebe lezempilo ngethuba umongameli Nelson Mandela engena kwi ofisi, ukusukela ngonyaka ka1994 ukuya ku 1999. Kuthe ngonyaka ka 1999 wonyulwa njengomphathiswa wesebe lezangaphandle ukuyaku 2009.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

Pondoland Times
Pondoland Timeshttps://pondolandtimes.co.za/
Pondoland Times is an award-winning community newspaper aimed at the greater Pondoland. The publication is rich with youth-centric content. Our goal is rural development and youth empowerment. We distribute the newspaper in Alfred Nzo and OR Tambo district municipality.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here

Share post:

Subscribe

spot_img

Popular

More like this
Related

COMMISSION CONFIRMS LEGITIMATE ROYAL FAMILY IN MPONDO KINGDOM

The Marhelane houses have emerged victorious following the release...

The EC SAPS arrested eight suspects and rescued six kidnapped family members in Lusikisiki

Following the kidnapping incident in France village, Lusikisiki local...

SAMKELISIWE NCITHA CROWNED MISS BIZANA HIGH SCHOOLS 2024

The Miss Bizana High Schools pageant concluded with an...

SAPS confirmed the arrest of a boy seen in a viral video brutally assaulting an elderly woman

The National Spokesperson for the South African Police Service...