Kutsha nje kwakule nyanga yoKwindla uSodolophu woMaspala uMzimvubu uceba Zukiswa Ndevu utyelele kwaward 27 kwilali iButsheni, ngenjongo zokuyohlola inkqubela yesakhiwo sebhulorho esisaqhubayo. Olutyelelo luqhuba ngexesha usodolophu ekwiphulo lokujonga nokuqinisekisa ukuba iinkonzo kwakunye neeprojekthi zalomaspala ziyimpumelelo yaye zisemgangathweni owuwo.
Echaza ubume kwano mgangatho wesisakhiwo usodolophu uthe “le bhulorho ikudidi lwalamaxesha yaye uMzimvubu uyazingca ngokuba ethe wathabatha isigqibo sokutyala imali enze iibhulorho ezithande ukuphakama ngenxa yeemvula ezithi zinethe ngamandla kulo mmandla. Kulindeleke ukuba ibengumgama ozimitha ezintlanu (5m) ukuvuleka kwayo le bholorho, ze ubude bayo ibengamashumi amathathu anesibini (32m), kubekho nendawo ekuzakuthi yenzelwe abahambi ngenyawo, kunye nendlela yokufikelela kule bholorho engu 3km. Lomsebenzi kulindeleke ukuba uxabise imali engange 8,9 yezigidi zerandi, ze kuqgitywe ukwakhiwa kwakulonyaka mali”, utshilo usodoluphu uZukiswa Ndevu.
Ngabantu base Butsheni abalishumi elinesixhenkxe abathe baxhamla ngokwemisebenzi ekwakhiweni kwalebhulorho , ekuquka kubo amadoda, oomama kwano lutsha. – utshilo uLawrence Ncaphayi nokhokele ezonxibelelwano kwakunye nabasebenzi kuleProjekthi.
Ubhodi walo mmandla utata uNdibongile Matshaza uthi yiminyaka benesidingo sebhulorho nanje ngokuba le ekhoyo sele indala kakhulu yaye yakhelwe ezantsi.
Lo kaMatshaza uqhubeke wabalisa ngendlela ebekubanzima ngayo ukuwela xa kuthe kwanetha kakhulu, ingakumbi xa besuka edolophini bekuye kunyanzeleke bacele indawo zokulala kwimizi ekufutshane. Ngoku uziva onwabe kakhulu kwaye enombulelo ongazenzisiyo kumasipala woMzimvubu ngoba kuzakubakho utshintsho kuluntu laseButsheni, eSibhozweni kunye naseCabazi kuba lebhulorho izakuthi yenze lula ukuqhagamishelana kwezilali zontathu.
Unlock Exclusive Content!