Ushiywe uvalwe ngehlahla umzi wakwa Maphempeni ,eLuphondo,e Lusikisiki ngomvulo,umhla wesithandathu kweyoKwindla ,emva kokuba amadoda angaziwayo evulele ngemvula yeembumbulu,ehlwayela,ze kwasweleka amalungu amahlanu alo mzi ekubalwa kuwo umama(83)Iintombi zakhe ezimbini ,eneminyaka engama-43 neneminyaka engama-39.
Iingxelo zidiza ukuba kukwadutyulwe kwabulawa nomnye umntwana ongachazwanga iminyaka yakhe kunye nomtshana obehlala lweli khaya.Esi siganeko nesenzeke ekuzeni kusa kwangomvulo sothuse ilali yonke nanjengoko kusinde nje umntwana oneminyaka esibhozo kunye nosana olunonyaka,abangakhe baludubule.
Obethethela usapho lwakwa Maphempeni ,u Noncedo Ntsilingane uthe ubizwe esemzini wakhe emva kwesi siganeko.
“Ndithe xa ndifika apha ekhaya ndabona kugcwele abantu enkundleni,ndathi ndisajonge leyo kwee wayi-wayi ngabanye abantu,kungekudala kwathi gqi amapolisa,ndabe sele ndixelelwa lo mhlola”.
Uthi onke la malungu asweleke exolisa, ngokuva
ngomntwana lo usindileyo,phofu engayazi neyona nto axolisela yona.Kodwa u Ntsilingane ukrokrela ukuba kunokuthi kanti inento yokwenza nokutyholwa ngentakatho.
Njengokuba kwenzeke esi siganeko ndiyakhumbula ukuba wayekhe andixelele usisi ukuba kuthi ngokuhlwa kubekho abantu abagibisela emzini wakhe,benamazwi abawathethayo, wokuba,” kanti niyathakatha”.
Ukanti umhlobo welinye ixhoba,nobefunda nalo ,u Isenathi Swelekile uchaze umhlobo wakhe njengomntu obenobubele nothando.Uthe ubebancedisa nakwimisebenzi yesikolo kuba ebekrelekrele kakhulu.
Ukanti umasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill uthi aba basindileyo babekwe kwindawo eyodwa ukuze bafumane uncedo olusuka koonontlalo-ntle.Isithethi kulo masipala u Bulelwa Capa uthe,
“sikhokelo somasipala sithathe isigqibo sokuba masindwendwele ikhaya ukuyokugxwala emswaneni nokujonga ukuba kungancediswa njani na malunqa namalungiselelo omngcwabo
Amapolisa ephondo leMpuma Kapa athi kuvulwe amatyala amahlanu okubulala kwaye akukabikho mntu sele ebanjiwe ngesi siganeko.