Lunxakamile uluntu emva kwesandi esithe ndii kumakhasi onxibelelwano nebesilumkisa uluntu ngokumiswa ngxi kwenkomzo zothutho kweliphondo leMpuma koloni.
Ingxelo zithi, oku kuza emva kokuba kuthe kwangabhatalwa abathuthi babafundi lisebe lezothutho kweliphondo leMpuma koloni.
Iidolophu ezithe zaphazamiseka kakhulu kokungahambi kwezi thuthi yiMbizana, Maxesibeni, Kwa-Bhaca, Matatiele, Ntabankulu kunye nezinye.
“Kudala sinyamezele, khange sibhatalwe kusukela kuNovemba wonyaka ophelileyo kude kuzoba ngoku. Oko silindile kodwa akude kulunge. Isichana kakhulu lento yongabhatwalwa thina ngoba kufuneka sithenge iPetula ukuze sikwazi ukuthutha abantwana besikolo ukanti ne moto ezi sihamba ngazo ziyabhatala, nto leyo esenza sizibhaqe sintyumpantyumpeka ematyaleni. Makaphendule urhumente kudala sinyamezele”, uphawule wenjenje uMbuzeni Ndovela nongomnye wabathuthi bababafundi eMbizana.
Ngamawaka wabantu abathe bangakwazi ukuya kwindawo ebekumele baye kuzo namhlanje ngenxa yoqhankqalazo oluqhubayo kwidolophu ezininzi zephondo. Oluqhankqalazo aluphazamisanga basebenzi kuphela luthe lwachaphazela nabafundi abaxhomekeke kwezizithuthi ukuze bakwazi ukuyofikelela esikolweni.
Ukanti umbutho wezothutho iSANTACO B uthe wakhupha imbalelwano ebheka eluntwini ethi bona beyi SANTACO B abayonxalenye yoluqhankqalazo yaye bazoqhubeka babathuthe abantwana besikolo kwaye inkqubo yezothutho ayizuchaphazeleka konke konke kwela cala labo.
“Silisebe lezothutho empumakoloni sihlaba ikhwelo kwabo bayinxalenye yoluqhankqalazo uba beze ngaphambili kuthethathethwane, sizame ukufumana isisombululo kwezingxaki”, utshilo uUnathi Bhinqose nothethela isebe lezothutho eMpuma koloni.