This Content Is Only For Subscribers
Umtyholwa kwelokudlwengula nokwangumfundi kwisikolo samabanga aphezulu, I-Attwell Madala, u Ovayo Ndaku uza kubuyela esikolweni emva kokuphuma kwakhe esiseleni. U Ndaku ongumfundi webanga leshumi elinesibini kwesi sikolo utyholwa ngokuzithabathela ngolunya kumhlaba ongezantsi kwintombi ekwangumfundi kwesi sikolo, ekukho amarhe okuba ibingazange yazane nandoda . Ukungaqini kweebotyo ngakubungqina, nokungaveli kwentombi le enkundleni kuthambise eli ityala, ze wakhululwa u Ndaku ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinanye kule nyanga yeThupha.
U Ndaku ucebise iintanga zakhe ukuba zihlale zithe qwaa, esithi kubi phandle apha.
“Ejele, akukho mnandi ngaphezu kokuba kufuneka uzihoye wena, kwaye akukho mnandi phaya, uhlala kakubi, ukutya kwakhona. Xa utyholwa ngokudlwengula uhlala kakubi kakhulu kuba phaya ukuhlala kwakho kuxhomekeka kwinto oyibanjelweyo. Mna ndingacebisa ukuba zihlale zithe qwaa, zidlalele kude notywala, kuba akulunganga apha ngaphandle” Kucacisa u Ndaku.
Ukanti uninakhulu ka Ovayo, u Yvette Ndaku ubulele ukubuya konyana wakhe, esithi bekubuhlungu gqitha ukuva kwakhe iindaba zokuba unyana wakhe ubanjiwe.
“Ndinemincili, andikwazi nokuthetha, Ndibulela ubawo ophezu konke ngokundinceda andikhululele umntanam eziseleni. Ndingumntu othandazayo ndinjalo, ndiyamthandazela u Sethu kwaye simxolele, kwaye akwaba angangazonzakalisi ngenxa yale nto”.
Ukwadlulise umbulelo kubantu basekuhlaleni nesikolo ngokumxhasa ngeli xesha linzima. Igqwetha lika Ndaku, u Mnu. Abongile Dumile kuyothusa ukuba u Ndaku usatshutshiswa nangona kukho ingxelo yokurhoxiswa ekwidokethi yeli tyala. U Dumile uthi umtshutshisi usiphikisile isicelo sebheyile nangona engabanga nasihlahla koko. Ukwathe, kukho ukungangqinelani kubingqina obuthiwe thaca ngumphandi weli tyala kunye nombuso.
“Kukho ukungangqinelani nanjengoko umphandi enenguqulelo eyohlukileyo kuleyo ithiwe thaca ngumtshutshisi kwaye sinenginiseko yokuba eli tyala liza kurhoxiswa xa evela kwakhona umrhanelwa” koleke u Dumile.
UOvayo Ndaku ukhululwe ngebheyile yeR1000-00 yinkundla yamatyala yaseMthatha kwaye ityala limiselwe 20 kuOctober 2023.