UMPHATHISWA WEZEMPILO UNDWENDWELE AMAXHOBA EEMVULA EZIMANDLA

Umphathiswa wesebe lezempilo kwiphondo leMpuma Kapa u Nomakhosazana Meth undwendwele amaxhoba eemvula ezimandla  eSajonisi phezolo, umhla wesithathu kwinyanga ka Tshazimpuzi kulo nyaka ka-2023. Oku kulandela ukuba ngomhla wamashumi amabini anesibini ukuya kumhla wamashumi amabini anesithathu kwawa imvula engamandla neyachaphazela  imimandla equka i Nyandeni, i Sajonisi, Ingquza Hill Local Municipality, kunye ne King Sabatha Dalindyebo (KSD).

Ukanti ezi mvula zathi zonakalisa ngamandla iindlela, izikolo, iintambo zothungelwano lombane kunye nezindlu. Kungoku nje abahlali base Sajonisi bagcinwe kwiziko lolutsha elikulaa mmandla ngenxa yokuphulukana nezindlu zabo. U Meth ebephelekwe yinkampani yakwa Vodacom,nalapho banikezele ngeepasile zokutya kwezi ntsapho ziguquke zangoo dingindawo bumini.

Isebe lezempilo likwabaphathele amayeza abo banezidingo zonyango. Isithethi sesebe lezempilo kwiphondo leMpuma Kapa, u Mkhululi Ndamase uthi isebe lithe lachukumiseka, lixhalabele impilo yamaxhoba  alo nogumbe.

Kuye kwanyanzeleka ukuba siye kubona ukuba ezi ntsapho zihlala njani na kweli ziko zigcinwe kulo, kwaye zingaba zithini izidingo zabo zezempilo, sikwabaphathele namayeza.

UMPHATHISWA WEZEMPILO UNDWENDWELE AMAXHOBA EEMVULA EZIMANDLA

Ukwathi akukokokuqala besenza oku nanjengoko bemana ukuza kujonga nokunikezela ngeenkonzo kwindawo abahlala kuyo. U Ndamase ukwamemelele ukuba amaziko afana nawezempilo asuswe kwiindawo ezinokuthwaxeka xa kusina iimvula ezinamandla.

Eli nyathelo liqhwatyelwe izandla nguceba wakwa ward 06 nekuyenye yee wadi ezithwaxekileyo, u Zwelivumile Mhlabeni esithi isebe lezempilo alihambelanga kude nabahlali oko kwathi kwehla esi siganeko.

Ukanti abo bachaphazelekileyo banqwenela ukwakhelwa izindlu. U Bukelwa Siyongwe othetha egameni labo uthi balamkela ngezandla ezishushu inyatyelo lesebe lezempilo, watsho edomboza kurhulumente ukuba abakhele izindlu.

Unlock Exclusive Content!

 
Want more in-depth coverage of local news and events? Subscribe to our weekly newsletter and get access to exclusive stories, interviews, and insights from Pondoland Times.
 

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here