Umasipala wasekuhlaleni i-Winnie Madikizela-Mandela ukhuphe ingxelo nalapho uxolisa ngempazamo eyenzeke ngethuba kuxhonywa i-banner kwenye yeendawo zokuphuma kwi dolophu yase Mbizana. Oku kulandela ukuthi ndi komfanekiso wale banner phezolo, ibhalwe ngendlela engachanekanga, nekuyinto abaninzi abayibone njengentlekisa, loo gama abanye bebevakalisa ukuphoxeka kukungahoyi kwabo bebebhale le banner. Ukanti bakho nabo batyhole lo masipala ngokunika abantu abangafundanga iziniki maxabiso.
Abantu kumakhasi onxibelelwano bagxalathelene, bekhwela bezehlela kulo masipala ngenxa yale mpazamo, nalapho u masipala ukhuphe ingxelo ekhawulezileyo uxolisela le bhena.
Kwingxelo ebhalwe phantsi lo masipala uthe;
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Umasipala uxhome le banner ngeenjongo zokumana udlulisa imiyalezo ngamaxesha eeholide kulo nyaka.Kulilishwa ukuba injongo yale banner yogqunywe yile mpazamo”.[/perfectpullquote]
Lo masipala ukwathe le bhena yothulwe yaza yathunyelwa emva ukuze ilungiswe.
Othethela umasipala u Mnu, Cwibi uthe, “Zothulwe iibanner khon’ukuze i-service provider ilungise impazamo.” Xa ethetha kunye ne Pondoland Times uMnu. Cwibi uthe, lo msebenzi ungalinganiselwa kwi maki engange R50000 ukwenza ezi banner zintathu.
“Kulindeleke ukuba ithathe ixesha elingangeveki ezintathu ukulungiswa”. – utshilo u Mnu Cwibi
Unlock Exclusive Content!