Sele kulithuba leminyaka emihlanu umasipala wasekuhlaleni Umzimvubu wathi waqala inkqubo yokuncedisa amafama oboya. Eli lelinye lamalinge neenzame zika masipala zokukhawulelana neezidingo zamafama isebe Lophuhliso lwasemaphandleni kunye nohlaziyo lwezolimo ebelingakwazi ukuzifezekisa ngenxa yokushokoxeka kwengxowa mali. Ngonyaka ka 2018 umasipala wathi waqala lenkqubo yokuthenga oomatshini bokushicilela uboya kwii wadi zonke ngenxa yokushokoxeka kwezixhobo zokusebenza, nethi ibekelwe imali iqhube minyaka le. Oku kuza emva kokuba kubonakele igalelo elenziwa buboya begusha kwi ngeniso yoUmzimvubu uphela. Kungoku nje landile inani lomafama oboya ,yaye sele ibalelwa kwizigidi ezihlanu ze randi ‘5million rand’ imali yoboya obushicilelwelwe eUmzimvubu soloko umasipala wathi weqale lenkqubo.
Kutshanje kwinyanga yokwindla kulo umiyo unyaka usodolophu womasipala uMzimvubu uceba uZukiswa Ndevu nesigqeba esikhokheleyo batyelele kwilali yaseMmangweni kwaWard 22 KwaBhaca. Injongo yolutyelelo ikukuhlola inkqubela kwiprojekthi eyathi yancediswa ngomatshini wokushicilela uboya kule wadi. Ngethuba ephefumla kumafama usodolophu ubhekise wathi, “Silapha namhlanje sizokuqinisekisa ukuba oluphuhliso sithi siyalwenza singuMzimvubu luqhuba ngendlela eyiyo na yaye nezixhobo ezi athi umasipala ancedise ngazo ziyasebenza yaye zisemgangathweni owuwo. Lo ka Ndevu ubuye wabongoza ekhuthaza ulutsha ukuba lungaxhomekeki ekukhangeleni imisebenzi kuphela koko luzibandakanye neeprojekti ezifana nale, ukuze kubekhona ihlumelo olwaziyo ngoboya.
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]‘’Kule projekthi yokuchetywa koboya singamafama alishumi elinesibini kuphela, sayiqalisa kunyaka ka 2016 kungekho zixhobo zakusincedisa, sisenza nje amabhali oboya ebalelwa kwi thoba(9). Kodwa soloko kwabakhona lomatshini wokushicilela uboya esiwufumene ngonyaka ka2021 senza amabhali angaphaya kweshumi elinanye (11) lonto ibonakaliso igalelo lika masipala sithi huntsu Umzimvubu ”,utshilo utata uMadodafikile Mathunzi ongusihlalo wa Mvalweni cooperative.[/perfectpullquote]
Unlock Exclusive Content!