This Content Is Only For Subscribers
SingamaXhosa, le nyanga siyibhiyozela ngeendlela ezahlukeneyo kuba sohlukene, amaXhosa aquka amaBhaca, amaMpondo, amaAxaxesibe, amaMpondomise, amaMfengu, amaThembu, amaHlubi, amaXhosa omthonyama, amaBomvana, amaGquunukweba, abaSuthu nabanye.
Onke anezithethe/izibongo ezahlukeneyo kuxhomekeka ukuba uzalwa kweyiphi inkcubeko yakwaXhosa.
Asingobantu abangamaXhosa kuphela abathetha olunye ulwimi ngaphandle kwamaMpondo. IsiMpondo lulwimi lwengingqi. Xa umamele umntu waseBhayi, EL, Mtata, Flagstaff, Bizana, Mount Frere bonke abantu bathetha ngokwahlukileyo.
AmaXhosa yindlu enkulu eyenziwe zizindlu ezincinci ezibizwa ngamaXhosa, amaHlubi, amaBhaca, amaMfengu, amaMpondo, amaXesibe, kuzo zonke izizwe zamaXhosa eMpuma Koloni kuquka namaMpondo.
Mkhulu umonakalo owenziwe ngamaXhosa kwimfazwe ka1834 apho ayesilwa nabebala, Wathi amaNgesi awavumelani noKumkani uHintsa… Wathenjiswa ukuba uyakugcinwa njengekhoboka de enze okulungileyo. into, kulapho uHintsa wathumela umyalezo kuNkosi uMaqoma ukuba afihle zonke iinkomo kuba amaNgesi ayefuna ukuzithatha. Ngenye imini uKumkani uHintsa wayebaleka ngehashe lakhe wadutyulwa emlenzeni, wayesilwa ngomkhonto waphinda wadutyulwa.. kulapho uGeorge Southey wanqumla intloko yeKumkani yamaXhosa uHintsa. kunanamhlanje uninzi lwethu asiyazi ukuba intloko kaHintsa yaphelela phi, elibali lide kwaye libuhlungu ukuba ndiliqale ekuqaleni ilanga lingekatshoni… bendifuna ukuthuthuzela abantu bakuthi.
Kwizithethe zakwaXhosa sinesithethe sokwaluka, isiko elizele zizithethe ezijolise ekwenzeni isiko libe mnandi. Eli lisiko lokwaluka, nokuba ujonge nawuphi na umzi wabantu, uyakubona isiko eliqeqesha isizwe sonke xa uqala elalini ukuya kummelwane, wonke umntu unendima yakhe ekwakheni umdla kweli siko. ngokuncedisa kwizithethe.
Esi siko sikubhentsisa elubala izinto eziyimfuneko esizweni, oku kujongwe vuka ukuze ungakhi imidlalo emininzi, masithi, mojiso, intiyo, imigidi zizithethe ezakha ulungelelwaniso esizweni olubonisa apho isizwe simi khona nolwazi. ngezinto ezijikeleze uluntu.
Ulwaluko lisiko eliyimfihlo, masiligcine liyimfihlo kwaye lizele yimfundiso.
Kukwakho nokutya okutyiwa sisdudu sesiXhosa Isikwampa uMqa/thanga, inkobe, isidudu/isonka sesonka njalo njalo.
Iphondo lesiXhosa lelinye lamaphondo amakhulu eMzantsi kwaye likwindawo yesibini ngokweenkcukacha-manani. AmaXhosa afumaneka kwimpuma yekoloni nakwintshona yekoloni.
AmaXhosa akwafumaneka kwilizwe elingaphandle kweZimbabwe kwaye ahlala kuMzantsi Afrika uphela.
AmaXhosa ngawona aye alwa amadabi amaninzi ngeli xesha. Kwaye uMongameli wokuqala yayinguMXhosa, naye wayengumntu wokuqala ukuphuma emalini.
Umongikazi wokuqala kulo mbala umnyama, uCecelia Makhiwana, naye wayengumXhosa, kunye noMiss Universe wethu, uZozibini Tunzi.
Kumnandi ukuba ngumXhosa kuba xa ufika kwamanye amaphondo bafuna ufunde ulwimi lwakho abanye bade bathi bafuna ube ngumXhosa. Kwezinye iindawo amaXhosa awadumanga ncam kwaye athi awalunganga, lo nto ibenza bacinge ukuba bahlala bodwa.
Zingce ngesiXhosa sakho kulo nyaka umtsha woBumo neNdalo ukhwele, uncume, ubethe uXentse uzonwabisa.
Unlock Exclusive Content!