Ke ukuba kubi emehlweni enu,
Ukumkhonza uYehova zinyuleleni owenu,
Eniya kumkhonza namhla ngokwenu!
Ze nikhumbule ukuba mna nendlu yam;
Siyakumkhonza uYehova;
Etsho echiza esingela ehamba.
Ndimlandela ndimbamba!
Ndifuna acacise ngakumbi angahambi,
Asukwe ngumsindo xa ndimbamba!
Asikaze ukundibamba;
Okunga uzandibetha ngempama!
Azibambe okunga ufuna nokundanga,
Ahlale phantsi nasebusweni engasemhlanga!
Ahambise endiyala,
Athi impumelelo luhambo lwemfihlakalo,
Oluqondwa ngabo bazi imfihlakalo,
Kuyenzeka ibekwe phakathi kwabantu abathile;
Ngenjongo zokufundiswa intobeko,
Intlonipho ubuntu,
Nokuhlonipha abathile,
Kuyingqiqo nokukuqonda,
Oku akutyhilelwanga nabani;
Yilo nto kubalulekile ukuhlonipha abantu,
Ungabajongeli phantsi.
Xa ungenanto ongayifunda kubo okungenani,
Jonga isakhiwo sabo,
UMdali uthetha kakhulu ngendalo yakhe;
Kodwa ukumva kudinga abaqiqileyo,
Ndilahleke ngakumbi kobo bumnyama buzingisileyo,
Okunga ndivalelwe enkrotyeni yabachutyiwe;
Bodwa,
Ndimbuze uthini?
Kanjani?
Athi ninjalo ke nina ngokuba neendlebe,
Kodwa ningeva;
Nijamile nangamehlo ningafuni kubona,
Abanye benu kudala basikelelwa;
Kodwa izinto zabo zibanjwe ngabantu,
Abajongela phantsi,
Batsho nokutsho ukuba ababaphiwanga.
Ngamanye amaxesha,
Ukuphakama kwakho;
Kudinga wehlele ngasezantsi,
Ulande izinto zakho,
Mntanam yazisa abantu!
Le ndlela ohamba ngayo,
Idinga abazithobayo,
Hay abazikhukhumezayo,
Kanti imvelo,
Ibasikelela ngakumbi abazilibalayo,
Bakhumbule abanye;
Kuba sonke kulo mhlaba,
Siphathiswe izinto zabantu,
Dedela izinto zabantu,
Wamkele ezakho.
Ndizibuze ngaphakathi kanjani,
Ndingakawuvuli ubesecacisa kanjani,
Athi mamela uhlalutye;
Kuyenzeka umntu ofileyo aphile nawe ungamboni;
Uhleke naye uveze olukugqibela;
Kanti wenze la nje wena,
Wafa kudala ngaphakathi,
Qho xa ehleli yedwa;
Uphila kwelabafileyo,
Qho xa ezakuphumela ngaphandle,
Ulwa naye uqobo,
Ezama ukuzibuyisela kwabaphilayo,
Ukuze amkeleke,
Mntanam yazisa abantu,
Unzima umthwalo,
Abawuthwele ngaphakathi,
Kungekho nongabathwalisa.
Lucy Impondokazi
Facebook: Lucy Impondokazi
Instagram: @lucyimpondokazi
Unlock Exclusive Content!
Subscribe to the Pondoland Times weekly newsletter for trusted alerts on SASSA payments, NSFAS funding, and breaking local news. Get exclusive interviews, community features, and verified stories you can rely on—delivered straight to your inbox.