Poetry: Amagwala
Ubhalwe: Mbulelo Tshofela
Advertisement

Iyhoo, ndiyindindi

Tshooo, yingxubakaxaka

Kanti yintoni igwala?

Kanti anje amagwala?

Nqandan’amagwala.

 

 

Ubugwala sisifo esibi

Lento umntu ngathi akazi

Lento umntu ngathi akafuni

Lento umntu ngathi akanakho

Kanti uyaxoka

 

 

Ubugwala ngumbulalazwe

Lakhula inani lobulawa

Lenyuka nelodlwengulo

Kwanda norhwaphilizo ezweni

Zaphinda phinda izijwili esizweni

 

 

Aphi amadoda okwenyani?

Baphi abafazi boqobo?

Siqhayise ngonyana bethu?

Sizidle ngentombi zethu?

Hayini magwala

 

 

Kodwa magwala niyakhohlisa

Niyatyhafisa nangoku

Niyasihlazisa isizwe

Kutheni ningadani nje?

Zifuneni, guqukani nizohlwaye

 

 

Anifuni kwenza

Kodwa niyonzakalisa

Anithethi

Kodwa bayaphela abantu

Magwala ndini mxim.

 

 

Ubhalwe: Mbulelo Tshofela

 

Unlock Exclusive Content!

Subscribe to the Pondoland Times weekly newsletter for trusted alerts on SASSA payments, NSFAS funding, and breaking local news. Get exclusive interviews, community features, and verified stories you can rely on—delivered straight to your inbox.

Advertisement

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here