Kutshanje kulenyanga yeSilimela umasipala waseUmzimvubu undwendwele iholo yoluntu iBadibanise, kwaBhaca, ngeliyokuhlola umsebenzi owenziweyo ngethuba kusakhiwa, ukanti nokulungela ukusebenza kweli holo. USodolophu U Cllr Zukiswa Ndevu athe bhazalala ukuqinisekisa ukusiwa kweenkonzo kuluntu lo Umzimvubu. Ukanti kolutyelelo uhamba ne ofisi yezoNxebelelwano kwakunye necandelo leZiseko Nocwangciso zalomasipala ngelokujonga umgama osele uhanjiwe kwii projekti zika masipala kulo nyaka mali.
Ukwakhiwa kwaleholo yoluntu eBadibanise yinquleqhu iza emvakokuba uceba wakwa wadi 18 kwakunye noluntu lonke lwalwe wadi lathi lafaka isicelo sokwakhelwa le holo, nezakuthi isetyenziswe njengendawo yeendibano zokuhlala.
Yimali engaphaya kwizigidi ezibini ezinamakhulu amathandathu eerandi R2,6 million ethe yachithwa ngethuba lisakhiwa.
Ikomiti yasekuhlaleni ejongene nophuhliso loluntu iyiqhwabele izandla le nkqubela isithi iyibona njengeza kwenza izinto zibelula xa kukho isidingo sokubanjwa kweentlanganiso zoluntu. U-Mnu. Nkosana Ngalonkulu uthe baziva bechulumancile xa kungoku naxa belibona likwesisigaba eliholo. “Besitsala nzima xa kukho izinto zokuhlala iintlanganiso ezidinga ngamanye amaxesha zide zingaphumeleli ngenxa yokunga bina holo.
Besisithi xa befuna ukuhlangana sisebenzise nezindlu zeetyalike”. Loka Ngalonkulu weleke esithi olulakhiwo lweholo aluzisanga nje isakhiwo koko luphinde lwavula namathuba emisebenzi batsho baxhamla abantu balendawo.
Usodolophu uceba Zukiswa Ndevu uthe;
“lo ngumsebenzi wolulakhiwo uqalwe ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo, yaye leholo iyenye yeeprojekthi zikamasipala ayenza kwimali ayifumana kwimali ka-MIG. Ukwenziwa kwalo kuluqilima ukuze lithabathe ixesha elide kwaye libiyelwe lonke ukuligcina likhuselekile. Singu Masipala sikholelwa ukubakho kweli holo kuzakubakho umahluko omkhulu kubahlali base Badibanise nanje ngokuba bengasazukuphinda bahambe imigama emide besiya kwezinye indawo bengenalo iholo elilelabo.
Ukanti enye yezinto esizingca ngazo singulo masipala kukuvuleka kwamathuba engqesho kubantu abangamashumi amabini balapha ekuhlaleni, nkquu unonkontilaka obesakha le holo ngowalapha eUmzimvubu. Oko ke kuyasincedisa ekuqinisekiseni ukuba imali yalapha eMzimvubu ijikeleza kwalapha ukuncedisa kuqoqosho nase kuphuhlisweni koosomashishini basekuhlaleni” uvakalise watsho usodolophu uCllr Ndevu
Unlock Exclusive Content!