Abaculi bomculo we Maskandi abaphuma emaMpondweni baza kudibana nabaphuma kwaZulu Natal, kohlukane ooshuni xa kuza kube kubanjwe ingxikela yomnyhadala womculo we Maskandi ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyoMsintsi kulo nyaka wama-2023.
Lo mnyhadala uza kubanjelwa kwibala lezemidlalo e Lukholo, e Mbizana,ngokuqinisekisa komququzeleli wawuo, umnu Vuyo Bulala nongumlawuli we Coastal Media House Investments.
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Inyanga yomsintsi ibhiyozela amagugu eli lizwe. Yiloo nto ke sithe masenze lo mcimbi, nozakwenziwa minyaka le” Kutsho u Bulala.[/perfectpullquote]
Ukwathe baqaphele ukuba imicimbi ekumila kunje inqabile kulo mmandla wase Mbizana, sibe sicacile sona isakhono ukuba sikho. Uthe bafuna ukudibanisa abaculi basemaMpondweni nabakwaZulu Natal, kudlalwe ingoma,kuqhawuke unobathana.
“Sifuna ukuba abaculi esele bengoomakhwekhwetha badibane nabo baselula endimeni ukuze bakwazi nabo ukuveza isakhono sabo”. Utshilo esongeza.
Ukanti sele eqalisile ukufumaneka amatikiti alo mnyhadala, kumenyelelwa kuye nawuphi na umthandi womculo wesintu, ngokukodwa I Maskandi ukuba azibambele elakhe.U Bulala uthi uluhlu lwabaculi abazobe bedyusha eqongeni sele lukho kwaye lushushu.
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Simeme abantu abafana neGcokana Elisha, Inkunzi Emdaka, UGobolempumdulu, USkweletu wodumo lwengoma ethi Inj’endlini, no Nkunzencane phakathi kwabanye abaninzi”. Kucacisa le ndedeba.[/perfectpullquote]
Abo banomdla wokufumana amatikiti bangenza owenkawu ukumkhangela kumakhasi onxibelelwano, bachwetheze u –Vuyo Bulala-kungenjalo batsalele inombolo yomnxeba engu 078 870 7504.
Unlock Exclusive Content!