This Content Is Only For Subscribers
Umasipala wesithili se Alfred Nzo ububambe ingxikela yomsitho wokuthi halala kubafundi neetishala kwesi sithili namhlanje, umhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMdumba. Aba bafundi bebewongwa emva kokugqwesa kwabo kwizifundo zebanga leshumi elinesibini neziphume ekuqaleni kwalo nyaka. Aba ngabafundi ebebesenza eli banga kunyaka ophelileyo nabathe xhwi isithili basibeka endaweni ebanzi. I Alfred Nzo inezithili ezibini, i Alfred Nzo West ne Alfred Nzo East. Isithili se Alfred Nzo West esiquka i Ntabankulu, Mt Ayliff ne Mt Frere, kunye Matatiele sesoo sabhengezwa njengesinqwanqwade entloko zonke ezinye izithili zeli phondo. Esi sithili nesikhokelwa ngu Mnu. Monwabisi Mbangeni sibengundaba mlonyeni, sakuthi sikwimimandla esemaphandleni kodwa sazisa iziphumo ezibone zonke izithili zephondo leMpumaKapa zisiza ngemva.
Isikolo sase King Edward e Matatiele nesikhokelwa yinqununu yaso, uMnu. Gordon Harrison sibizwe oko ukuzokwamkela amawonga ngenxa yokugqwesa kwaso, kwizintlu ezahlukeneyo. Ngendlela ahambe esindwa ngayo lo ka Harrison ngamawonga, uncumo belugoso.
Ethetha nephephandaba i Pondoland Times malunga nokuwongwa kwakhe uthe kuluvuyo ukubona ukuba umsebenzi wabo besi sikolo ubeneziqhamo.
Isikolo i King Edward sisikolo ebesizimisele ngamandla kuba besifuna iziphumo ezincumisayo.Ndithetha nawe nje sifumene umyinge wekhulu. – Kubhobhoza lo ka Harrison.
Esi sikolo besifanele ukuquqa sibuyelela eqongeni kuhle kwezulu laseMtata, siqoqa iintshinga kuba abafundi ebebebhale iimviwo abangama-47 baphumelele bonke,ukanti nakunyaka ka 2021 apho kwakubhale abafundi abangama-52 zange kubekho namnye osilelayo.
Ephefumla kumba wokuba abafundi babe abasohlwaywa ngendlela yakudala, uthe noko ngoku asikho isidingo soko kuba naba abakhe begqwesile nangona bengakhange bamane ukufumana izohlwayo eziqatha ezifana nokusetyenziswa koswazi.
Ukanti usodolophu wesithili se Alfred Nzo uMnu. Vukile Mhlelembana uqhwabele izandla bonke abo bathe bawongwa.
Lo msitho siwenzela ukuba siwonge bonke abafundi kuquka neetishala abenze lo msebenzi umhle kangaka wokuzisa iziphumo ezibeke esi sithili kwibala-zwe. – Kucacisa Mhlelembana.
Isikolo sabo baphila neziphene ngokwasemzimbeni i Zamokuhle, nesithe zinzi kwisithili i Alfred Nzo East sinabafundi ababini abafumene ii laptops eziphuma kumasipala wesithili. Obhaqileyo u Sinalo Madikane uvakalise uchulumanco.
“Kudala ndafuna ukuba ndibe kule ndawo kodwa namhlanje ndim lo ndiwongiwe. Ndakhuthazwa kukuhamba umsitho womnye ugxa wam kunyaka ophelileyo owawongwayo, namhlanje ndim”.
Ukanti intloko yesebe lezemfundo kwisithili se Alfred Nzo West umnumzana u Monwabisi Mbangeni uthe, “ukusebenza nzima kuneziqhamo ngalo lonke ixesha”
Unlock Exclusive Content!