IZAKUGQITYWA KUNGEKUDALA INDLELA YASE MAPHAKAMA KWABHACA

Date:

Abahlali kwa ward 25, eMaphakama, kwaBhaca baza kufumana indlela esemgangathweni emva kokulungiswa kwendlela ekulelali. Kutshanje Usodolophu kaMasipala waseUmzimvubu ujikeleze iiprojekti nanje ngokuba equkumbela nyaka mali ka 2022-2023. Ezi projekthi ziquka indlela yase Maphakama ephantsi kwe sebe leZiseko Nocwangciso lalomasipala ngenjongo zokujonga ugangatho kwanomgama osele uhanjiwe.

iZAKUGQITYWA KUNGEKUDALA INDLELA YASE MAPHAKAMA KWABHACA.

Le ndlela eyenziwa yinkampani ekwaphuma kwaBhaca iza kwenza umahluko omkhulu nanje ngokuba  enxulumanisa ilali ezine kwane wadi eziyingqongileyo. Umlawuli wenkampani eyakha le ndlela I Breaking Force Trading (BFT), u Mnu. Victor Gono ubulele intsebenziswano entle phakathi kwakhe noceba kunye nabahlali ekwa chulumanciswa kukubona ukuba indlela le sele ikwinqanaba lokuba igqitywe kungakhange kubekho kruthakruthano. Loka Gono uthe “bekulindeleke ukuba lendlela igqitywe kwisithuba senyanga ezintandathu kodwa kungokunje sele ewuqukumbela lomsebenzi kwinyanga njezine.”

Usodolophu walo masipala uthe “Ziprojekti zendlela ezingaphaya kumashumi amabini anesithandathu ezinziwe ngulo masipala KwaBhaca kwakunye nase MaXesibeni kulo unyakamali nekuyenye yazo le yase Maphakama.” Kunjalo nje baxhamle ngokwemisebenzi abantu base Umzimvubu kuzo kuqa nonokhontilaka.

Lendlela yase Maphakama engu mgama we 5 km ivelise imisebezi kubantu abalishumi elinesine. Yimali ebalelwa kwi sigidi esinamakhulu amahlanu ‘R1.5 Million’ yeerandi ethe yabekelwa bucala ukusebenza  kule Ndlela. – uqukumbele watsho lo kaNdevu.

 

iZAKUGQITYWA KUNGEKUDALA INDLELA YASE MAPHAKAMA KWABHACA.

Umhlali umama umaBhayi Manciya oneminyaka engamashumi asibhozo ’80 years’ uthe sele iyiminyaka lendlela ingahambeki ingakumbi xa kuthe kwanetha kuba namanzi amanizi athi adilize nezindlu ngenxa yokuma komhlaba walommandla. Loka Manciya uhambise wathi xasisiya edolophini bekufuneka sihambe umgama ukuyakukhwela izithuthi, zexasibuya edolophini siqashe abafana ngemali ukuphathiswa imithwalo. Xa kufuneka uncedo olukhawulezileyo ingakumbi kuthi bantu abasele bekhulile bekubanzima kakhulu ngoba izithuthi azikwazi nokusondela. Ngoku ndiyavuya nokuba ndingalala ndakumka ndixolile ukukubona uphuhliso nakulendawo yase Maphakama, ndithi kuMasipala enkosi.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

Pondoland Times
Pondoland Timeshttps://pondolandtimes.co.za/
Pondoland Times is an award-winning community newspaper aimed at the greater Pondoland. The publication is rich with youth-centric content. Our goal is rural development and youth empowerment. We distribute the newspaper in Alfred Nzo and OR Tambo district municipality.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here

Share post:

Subscribe

spot_img

Popular

More like this
Related

Tragic Single Vehicle Crash on R63 Claims Five Lives

A devastating single vehicle accident on the R63 near...

Mamelodi Sundowns Welcomes Steve Komphela as Senior Coach

Sundowns has officially announced the return of Steve Komphela,...

Matatiele Mayoral Cup Semi-Finals and Finals: An Invitation to Celebrate Youth Sports

The Matatiele Local Municipality, through its Office of Communications...