USodolophu kamasipala wase Ntabankulu, ohloniphekileyo uCllr Tsileng Sobuthongo kunye namalungu we Executive, bandwendwele isibhedlela sase Sipetu izolo. Olutyelelo lolunye lwamatyelelo ebethe gqolo ukuwenza uSodolophu kunye ne Executive Committee kwesisibhedlela ukuqinisekisa ukuba umsebenzi uyaqhuba ngendlela ekuyiyo kwaye uyagqitywa ngaphandle kwemicelimngeni.
Kungoku nje isibhedlela sase Sipetu sele sigqithile kwisigaba se Practical Completion, sele silungela ukuba sinikezelwe kubantu base Ntabankulu. Unokontraka ogqibezela umsebenzi unikwe iveki ezine ukuba agqibezele yonke into nanje ngoko ifurniture kunye nezixhobo zale mihla zokusebenza sele zikhona.
Ngelixa ethetha kolutyelelo uSodolophu ubhekise wenjenje,
abantu base Ntabankulu kuyabonakala ukuba xa sele sivuliwe esisibhedlela bazofumana unyango olukwiqondo eliphezulu.
Oku kuyasivuyisa kuba abantu bakuthi abangakwazi kufikelela kunyango lwabucala bazolufumana lonke uncedo apha. Okungasivuyisiyo kukungabikho kwe network kule ndawo nto leyo eyenza abanye ogqirha bangakwazi kuhlala xesha elide. Sizothetha kwakhona nesebe lezonxibelelwano ukuze silungise esisimo”.