Isangxa SikaRhaxothi yincwadi ebali Layo lingobomi beNkosi yabaThembu baseRhoda, uNkosi Ngangomhlaba Matanzima ongasekhoyo. Libali lobomi bakhe sukela oko wazalwayo ukuza kuma ngexesha lokuphela kobomi bakhe nge22 kweyoMqungu 2022.
Libali lembali ngeziganeko ezathi zamehlela ebomini ezifana nembali yokuzalwa kwakhe ezalelwa ecaleni kwendlela, ukukhula kwakhe, abantakwabo, ukuya kufunda kwisikolo iJongilizwe. Kwalapha kulo eli bali kukho apho kuvela khona imbali ngokubayimbaleki nomdlali wombhoxo obalaseleyo. Sayawafumana namabali ezinto ezibuhlungu ezathi zamehlela ebomini ezifana nokuntunyekwa ngomlilo komzi wakhe, kubekho nalapha waphoxeka khona ephoxwa yiKumkani yamaGcaleka. Simbona ekwimeko zeemeko zobomi eziphantse zifane nezentaka enkulu eyongamele ezinye, ingangalala yentaka enkulu ebizwa ngokuba sisangxa. Ibali lithi lentaka ibiye ibabhide nabazingeli ngelinye ixesha, uthi sele ucinga ukuba uyichanile ngembumbulu iwile ifile, suke uyibone iphinda iphakama ivuthulule iimpiko zayo ibhabhe kwaye ibhabhele kude kunakuqala.
UThina Namba Ungumbhali wencwadi ethandiweyo kakhulu luluntu emalunga nezothando nomtshato esihloko sayo sithi KWAZI BANI? Nethe yathabatha iintliziyo zabaninzi. Litshantliziyo kwimiba yesiNtu, amasiko nezithethe zabantu abaNtsundu.
Unlock Exclusive Content!