kukwaxhotyiswa oosomashishini abasakhasayo

Abahlali baku Mathe, Flagstaff bakhwebe Isebe lophuhliso loqoqosho, okusingqongileyo nokhenketho kwiphondo leMpuma Kapa, ngomhla wamashumi amabini ananye kule yoMdumba ukuze lizokudibana nabo ngezona ndlela zinokuphuhlisa amashishini abo. Ezi ziinzame zabahlali balo mmandla zokukhweba abanolwazi malunga nokuphuhliswa koqoqosho lwalo mmandla. Umaspala wasekuhlaleni iNgquza Hill ubuyinxalenye yale ntlanganiso yokwabelana ngolwazi kunye nabahlali bakuMathe. Kule ntlanganiso kufundiswe, kukwaxhotyiswa oosomashishini abasakhasayo malunga namashishini abo kunye neendlela abangathi bazilandele xa kufuneka bafumane inkxaso kurhulumente.

Ngosomashishini abasakhulayo abohlukeneyo ebebeqoqelene kwiholo yoluntu i Sobho Ngxaliwe bezokubeka iindlebe kula magosa ngethuba ecacisa ngeminyango enokuthi ingenwe kwanemigudu enokulandelwa xa ubani enga angafumana inkxaso okanye amacebo okuqala elilelakhe ishishini.Ukanti nabo banookopoletyeni bazuze lukhulu kule ndibano.

U Andisiwe Mrhiga olilungu lombutho wabantu abatsha abalimayo ze bathengise uthi le ndibano iza kubancedisa, esithi nangona beqalisile ukuthengisa izityalo kodwa bebengenalo ncam ulwazi lokuba ngawaphi amaqhinga abanokuwenza ukuze ishishini labo liphumelele.

“Ndivuye kakhulu kuba le ndibano ithetha nathi, ngakumbi thina bantu abatsha kuba siyafuya , ze sithengise iinkukhu,amaqanda kunye neehagu.Silima nokulima sithengise ezoo zityalo”

Ukwathe banomdla wokuqhubekela phambili, watsho edomboza kumasipala ukuba abancedise nangendawo ethe gabalala ukuze balime ngakumbi.

“Sinomdla wokuqhubela phambili nokulima, ntonje sisaswele umhlaba owoneleyo, yiloo nto simemelela nakumasipala ukuba asenzele icebo sifumane indawo esiza kuqhubela kuyo”

Ukanti kusenjalo u Masibona Sajini ongumhlali waku Mathe uthe kuthe qwenge kuye kuba naye ungumlimi kwanomfuyi.

“Kuthe kwakufika la magosa akwarhulumente kwasa kum kuba bendilima,ndifuya kodwa ndingazi ukuba ndiza kubheka ngaphi na ukuze ndiphuhliseke”.

Igosa eliphuma kwi ofisi yesebe lophuhliso loqoqosho,okusingqongileyo kunye nokhenketho lithe kukwizicwangiso zabo ukuba ubuncinane kanye ngekota babambe iindibano zokuxhobisa abantu besithili se OR Tambo malunga nokuqalwa kwamashishini ukuya kuphuma ekufakeni izicelo zenkxaso-mali.Ukwathe bakhethe ukuba bandwendwele lo mmandla we Ngquza Hill kuba bebone indlela abahlali balapha abazimisele ngayo ukuqala amashishini.

“Sifumanise ngesebe lophuhliso lwentlalo ukuba abantu balapha ku Mathe banomdla kakhulu kule nto inokuphuhliswa kwamashishini, saqonda ukuba masibahambele ukuze sibaxhobise” Ugqibele ngelo u Nosenga.

Ukanti uthe iindibano ezikumila kunje zizisa umohluko omkhulu, ze zisuse nenkungu emehlweni kubahlali, esithi babonakala beyimiqodi ukuya kwii ofisi zabo e Mtata ngeliyokuqonda kabanzi ngoko baxhotyiswa ngako.

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here