BAKHUNJULWE ABAWA NGEMBUBHISO YENGQUZA

Date:

Bekulusuku olukhulu lokwenza umlando namhlanje, umhla wesithandathu kweyeSilimela kumaMpondo nanjengoko bekubanjwe umsitho wokukhumbula amadoda athi asweleka ebulawa ngexesha lembubhiso yentaba yase Ngquza. Esi sikhumbuzo bekungesamashumi amathandathu anesithathu sibanjwa kanye phezu kwentaba ye Ngquza. Ukanti ngamadoda alishumi elinanye athi aphulukana nobomi emva kokudutyulwa kwindibano eyayibanjwe malunga nokujamelana nemithetho eyayinyanzelisa ukucuthwa kobunini bomhlaba. Amadoda angamashumi amahlanu anesibhozo onzakala kanobom kule mbhubhiso. Ishumi elinesithathu apho lagwetywa ze laxhonywa.

BAKHUNJULWE ABAWA NGEMBUBHISO YENGQUZA

Lo msitho ubuphethwe liphondo le Mpuma Kapa, ukwazinyaswe ngamalungu epalamente nalapho ziwe ngokuwa iintetho kusenziwa izibhambathiso ngokona kunokwenzeka ukuxolisa ezoo ntsapho kwanokuphuhlisa isizwe samaMpondo. Usekela mphathiswa wesebe lezolimo, uhlenga-hlengiso lwemihlaba kunye nophuhliso lwamaphandle, u  Nkskz.Zoleka Capa udize ukuba imali engama- 24 ezigidi zeerandi ibekelwe bucala ukuphuhlisa, watsho ekhweba abasemagunyeni ukuba basondele.

“Kusemdleni kuthi ukuphuhlisa esi sizwe sinembali etyebe kangaka kodwa esisahlwempuzekileyo, kwaye simema abasemagunyeni nakurhulumento ukuba basondele kushukuxwe umba wokuphuhliswa kwesi sizwe” Kutsho u Capa.

Ukanti zikho iinkqubo esele ziqalisile nekuxoxwa ngazo. Kodwa kukwaphawulwe nokuba ukungaboni ngaso nye phakathi kwabahlali kunye norhulumente ngemiba ethile kuzinyathelisa ngesantya solovane iinkqubo zophuhliso.

“Sikwamemelela kwikomkhulu ukuba lenze okufanelekileyo, ziphele iimbambano ukuze kuqhutywe iinkqubo zophuhliso” kumemelela u Nkskz. Capa.

BAKHUNJULWE ABAWA NGEMBUBHISO YENGQUZA

Ukanti iintsapho zamaxhoba ale mbubhiso zithi akuxolisi konke ukubona esi sizwe siphila phantsi kwale meko ngokungathi ooyise bawela ilize.  Obethetha egameni leentsapho, U Nkskz.Nokulunga Mfuywa uhlabe ikhwelo ukuba urhulumente aqwalasele ukusondeza amaziko aza kuxonxa izakhono zolutsha lwesizwe samaMpondo nazo zonke ezinye izizwe ezisongqongileyo.

“Abantu abatsha apha abanamisebenzi kodwa nguwo lo umhlaba udinga ukusetyenziswa ukuze kwakhiwe iindawo zokuxonxa izakhono zolutsha, kuphele indlala”.

Ukwathe nanjengoko babulawelwa abazali isikhumbuzo esikumila kunje nangona sibakhumbuza iintlungu abadlula kuzo kodwa  sikwathetha ukuba abalityalwanga. Ukanti ukuba uya e Ngquza uza kubona uvimba wamagugu, ilitye lesikhumbuzo sabo bathi babulawa kunye namangcwaba abo  baxhonyelwa e Pitoli ngonyaka ka 1962.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

Bulelani Matshoba
Bulelani Matshobahttps://pondolandtimes.co.za/
Bulelani is a radio host at Inkonjane Community Radio based in Flagstaff and is passionate about media and local news. He is also a freelancer and part time writer at Pondoland Times.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here

Share post:

Subscribe

spot_img

Popular

More like this
Related

COMMISSION CONFIRMS LEGITIMATE ROYAL FAMILY IN MPONDO KINGDOM

The Marhelane houses have emerged victorious following the release...

The EC SAPS arrested eight suspects and rescued six kidnapped family members in Lusikisiki

Following the kidnapping incident in France village, Lusikisiki local...

SAMKELISIWE NCITHA CROWNED MISS BIZANA HIGH SCHOOLS 2024

The Miss Bizana High Schools pageant concluded with an...

SAPS confirmed the arrest of a boy seen in a viral video brutally assaulting an elderly woman

The National Spokesperson for the South African Police Service...