AZAKWAKHELWA INDLU AMAXHEGWAZANA AKWAMPISI
ifoto ithunyelwe

Ngokomlomo woceba wakwa Ward 16, u Cllr. Nelson Njomi iza kuphela le veki zifikile izixhobo zokwakha kumzi wama Xhegwazana amabini akwa Dlamini, kwilali yase Hlabathi, adilikelwe yindlu yawo ebihleli kwimeko engaginyisi mathe kakade.

AZAKWAKHELWA INDLU AMAXHEGWAZANA AKWAMPISI
ifoto ithunyelwe

Kwinyanga ka August kwavela umbiko wamaxhegwazana amabini ahlala odwa kwizindlu ezingawa nanini na. Ukanti kwiimvula zamva nje nezigqugqise ilali le enye kwezi zindlu iye yabhodloka.

AZAKWAKHELWA INDLU AMAXHEGWAZANA AKWAMPISI
ifoto ithunyelwe

Kuye kwanyanzeleka bahlale kuyo injalo. Kodwa u Cllr. Njomi uthi sele zifikile izinto zokwakha e Bizana.

Into eshiyekileyo kukuba zehle ziye kufika ekhaya ukuze kuqaliswe kungekudala ukwakhiwa kuba siyibonile imeko yelaa khaya. – Kucacise u Cllr. Njomi.

 

Advertisement
📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here