KUGWEDLWA AMACEBO OKUCUTHA ULWAPHULO MTHETHO E MBIZANA
Photo / Supplied

Umasipala wasekuhlaleni i Winnie Madikizela-Mandela ubambe indibano, ngomhla wokuqala kule nyanga yeSilimela. Le ndibano nebinjongo zayo zikukugwedla amaqhinga okusiphula neengcambu ulwaphulo mthetho olugquba kulo mmandla ibibanjelwe e Wild Coast Sun, e Mzamba, e Mbizana  Ukanti kuphawulwe izinto eziliqela njengonobangela wokunyuka kolwaphulo mthetho kule ngingqi, kutyholwa  ngelithi ukusetyenziswa gwenxa kotywala, iziyobisi phakathi kwezinye zezona zinto zinempembelelo koku.

Kwabo bebeyinxalenye yale ndibano kungabalulwa inkonzo yabakwantsasana, iqumrhu lopoliso ekuhlaleni, iinkokheli zeetyalike kunye noosomashishini. Bonke bavakalise izimvo zabo malunga neyona nto ingenziwa ukuphelisa lo mkhwa. Ukanti umasipala wase Winnie Madikizela-Mandela uthi kuqapheleke ngenkxalabo ukuba ukonyuka kwezinga lentswela-ngqesho ngomnye wonobangela bolwaphulo-mthetho. U somlomo webhunga lolawulo kulo masipala wase Winnie Madikizela-Mandela, u Cllr.Zithobile Mhlwazi uthi ukungaphangeli kwabantu abatsha kukhokelela ekuthengisweni kweziyobisi.

“Abantu abatsha abaninzi kule ngingqi abaphangeli, ifike ke loo nto ibenze ukuba mabathengise iziyobisi, bezithengisela abantu abathile, abatya amaqhosha eebhatyi zabo” Kutsho u Cllr.Mhlwazi.

UMhlwazi ukwathe bengulo masipala basebenzisana nabo bonke abachaphazelekayo.

“Yiloo nto sibize amapolisa, I-CPF, oosomashishini, elapha ke namagosa okhuseleko kulo masipala kuba sifuna ukuva izimvo kuwo onke amacala, malunga nokuba singaloyisa njani olu tshaba” kongeze u Mhlwazi.

Oosomashishini base Mbizana bazigxeke kakhulu iziyobisi ngelithi zidlala indima ephambili ekuphembeleleni ulwaphulo mthetho, ebalula ubusela nokuphanga njengeyona mikhwa ibalaseleyo. Usekela nobhala wequmrhu loshishino e Mbizana, u Lucky Shusha uthe bazama ngandlela zonke ukuba badale amathuba engqesho ukuze kushenxe ikati eziko.

“Iinzame zethu noko zigalelwa amanzi abandayo ngabophuli-mthetho kuba singawona maxhoba kubo, kuba bekholelwa ekubeni amashishini ethu amumethe izikhuntyu zemali, nto leyo ingena bunyani” Kucacisa u Shusha.

Ukanti amalungu e-CPF atyhole inkonzo yesipolisa ngokungawafundisi ngokwaneleyo amanye amapolisa malunga nendima edlalwa leli qumrhu nanjengoko lityhola ngelithi amapolisa akabathatheli ngqalelo konke konke. U Sihlalo we-CPF kummandla wase Mbizana, u Nkskz. Nolindela Mngomeni uthe,

“Akhona amapolisa ayiqwalasela ngamandla, eyihlonipha kananjalo indima yethu kodwa amanye kuwo akasebenzisani kakuhle nathi” Kutsho u Nkskz. Mngomeni.

Amapolisa ebeyinxalenye yale ndibano, ekhokelwa ngumkomishinala kwisithili se Alfred Nzo, u Major General Majikijela nomemelele kuluntu ukuba luchaze iziganeko zolwaphulo-mthetho.

“Ukuba siyasebenzisana, abahlali mabazixele iziganeko zolwaphulo-mthetho, noku kuthengiswa kweziyobisi kuba kudlala indima enkulu ekubulalaneni kwabantu, kubangwa kwa ezi ziyobisi” kutsho u Major Gen.Majikijela. Ephendula kumba wamapolisa “angasebenzisaniyo nequmrhu i-CPF”, U Majikijela uthe kuya kuba lilishwa oko kuba amapolisa onke amelwe kukuba ayazi inxhaxheba ethatyathwa yi-CPF ekuhlaleni. U Majikijela ukwahlabe ikhwelo kuluntu lonke lommandla wase Mbizana ukuba lungabaxwayi abo balwa ulwaphulo-mthetho koko lubaxwaye egxeni, lusebenzisana nabo ukuze baphumele ngaphesheya bonke.

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here